Luzikhotha amanxeba usapho lwaseLusaka kufuphi neNyanga emva kokuthathelwa imali yendodla ngurhemekazi ongaziwayo.
Abaphila ngemali yesibonelelo utata uKekiso Msolo, 81, nahlala naye umama uNomfazi Dubeni, 61, bangenelwe ligqubushakazi abathi lifike labazelela ukuba lingonontlalontle osebenzela i-South African Social Security Agency (Sassa).
Kungokunje esisibini sithwele izandla entloko sibambelele ngaphambili kuba iikhabhathi zibetha umoya.
Bachaze lenzwakazi njengengcuka eyombethe ufele lwegusha nethe yafika yabathembisa izulu nomhlaba.
Liyalele ukuba mabazise wonke amakhadi kuquka nezazisi zabo lithembisa ngelokuba kazakufumana imali yesondlo engama R350 kunye nemali yabo yesiqhelo eyi R1 700.
Bedakumbile baxelele iVukani ukuba isithembiso esinjalo sifane nqwa nalamini imfene ibanjiswa isisila sehobe.
Bathi umrhano wabo uvuke ngethuba lentombi ibimane ithetha nabo elowo ecaleni kodwa ifike behleli bobabini.
Ingwevu yakwa Msolo nebivutha ngumsindo ngethuba iVukani ityelele ikhaya labo ithi idanile yinto eyenzekileyo.
Uthe idoshane yentombi elinono neyondlekileyo nebukhanya ngokwebala ezibize ngokuba ngu Noluthando ibhale phantsi inkcukacha zabo kanti ithi lala gusha ndikuchebe.
Ngelixesha umama lo uhlala nobawo uKekiso akuvunywa nakancinci uba asondele kuba umgca uzakuza nakuye.
Ngokwenyani ke lenkqubo yawelela kumama naye wazeka mzekweni.
Bathi kuba bebadala amanani ayimfihlelo okukhupha imali bawabhale kumaphepha angaphakathi kwizazisi.
 Besahleli kulomlindo kwafika usuku lokuba makurholwe.Â
Bathe bakufika ebhankini kwathiwa imali yakhutshwa kwangomhla wokuqala apha kule yeKwindla.
Lengwevu nekunzima ukuhambe ithe bazame kwindawo yonke ukukhupha imali kodwa babuya nelize.Â
Kulapho ingqondo zibuye khona kwathi qatha into yokuba bakhuthuziwe.
Bathi xa bebuza kwaSassa bachazelwa ukuba imali ikhutshwe KwaZulu-Natal. Kwathi kanti eligqubusha lentombi latshintsha amakhadi abo.
Umama uDubeni utyhola ngelithi eliqhophololo lentombi lafakwa ngutata endlini ngendlela angayaziyo. Utata kwelinye icala uthi akasakhumbuli nokuba lalingene njani na.
“Xa kungoku sizimpula zikalujaca. Ukuba ebengekho udade wethu besakufela apha yindlala. Ndikhathazekile kakhulu ngokunikisa ngemali yam lula kangaka,” uzihlinze igila watsho.
Kanti yena umama uthi umhla we27 kuMdumba uyakuhlala uhleli engqondweni yakhe.
“Le ntombi ingene notata nangona engasakhumbuli kakuhle. Eyona nto indigqibayo kukuba imali yethu imke ngoluhlobo kungabikho nalonto besiyithenjisiwe. Lento iyakuhlala ihleli entloko.”
Udade katat’ uMsolo nothe wahlaba ikhwelo kwiVukani uNkosikazi Deborah Mfiki ulumkise abantu abadala ukuba bathi qwa ingakumbi ngelixesha lolonyulo.
“Intliziyo yam iyadandatheka kukuqhathwa kwabantu abadala nabangakwazi ukuzenzela nto. Lomkhwa uzakuthi gqolo kuba kuyiwa kulonyulo. Abantu abadala abazukwazi nokuba inyani ikweliphi icala. Jonga aba xa kungoku bashiyeka bephece izandla.
Ndibuhlungu kuba abanto yokutya ngoku kufuneka ndibathengele kweyam imali ngento engebekwazile ukuyinqanda,” uxelele iVukani.
Le nkosikazi ibongoze abantu abahlala nabantu abadala bazame ukuqwalasela amasela aphila kukuba imali zabadala.
I-Sassa ibingekaphenduli imibuzo yeVukani ngexesha lokupapashwa kwelinqaku.