Baqhankqalazele impathombi abantwana

Abantwana baseNyanga beqhankqalazela amalungelo abo.

Bebonakalisa ukudinwa ku kusoloko besilwelwa baye  bema ngeenyawo abantwana baseNyanga besithi phantsi ngokuxhatshazwa nokuphatheka gadalala kwabo. 


Ababantwana bebezinxibe iimpahla ezibomvu bexwaye amaxwebhu anemibhalo ekhalazayo, isithi kwanele ngoku, njengenxalenye yemigushuzo ebanjwe kuzwelonke ngokunxamnye nempathombi ebantwaneni kunye nokulondolozwa kwamalungelo abo.

INyanga yindawo eyaziwa kakhulu eMzantsi Afrika ngokubulala. 

Ngokophando manani akutshanje, iNyanga iphuma phambili ekubulaleni. 

Aba bantwana badele ingqele ukuya kuma ezitalatweni iSithandathu neGreat Dutch besithi kwanele.

Behamba namalungu ombutho olwela amalungelo abantwana i-Yabonga, ababantwana babobakalise ulwazi ngamalungelo abo.

Obebaphelekile uSiziphiwe Makasi ubancomile esithi bazimisele ukufunda nokwazi ngamalungelo abo. 

Uthe bengumbutho i-Yabonga bakhuthaza abantwana ukuba bafunde ngamalungelo abo futhi bazi ngemizimba yabo. 

“Kuba iyinyanga yolutsha kuquka nabantwana siye sibonakalise ukukhathazeka kwethu ngokuthi sime kwikona zezitalato, siphethe lamaxwebu yonke iminyaka. Siqala kwiveki yokuqala yale nyanga oko,” utshilo.

Bemise imixhadana phambi kwe Zolani Resource Centre babongoze uluntu ukuba luthathe inkxaxheba ngokuthatha amanyathelo aqatha ukulwa ingxubakaxaka yemilo yootsotsi kuba isuba imiphefumlo yabantwana kumathuba amaninzi.

Ukuhlukumezeka kwabantwana kwenzeka naphi na oko kuquka abamelwane kunye nabantu abakufui kubo kunye noluntu jikelele.

Owona mkhuba mbi nophume izandla ngowokulahleka kwabantwana aabangamantombi bafumaneke sele bebulewe. Abanye kucaca ukuba baye bayadlwengulwa phambi kokubulawa.

Bebhomboloza kubukele wonke umntu, ababantwana nababexhaswe ngootishala babo nabo abathe impatho gadalala nokuxhatshazwa kwabantwana emakhaya kuyabachaphazela. 

UNkosazana Makasi ugxininise ngelithi wonke umntu makame ngenyawo kuliwe lomkhuba. 

“Kufuneka sime ngenyawo ukufundisa abantwana bethu ukuzazi ukuze bangaxhatshazwa,” utshilo.

Uthe abo bathe bahlukunyezwa mabaye emapoliseni. Umzekelo: Uthini xa umhlobo wakho ekuthumelela ifoto apho antlithwe ubuso elandelisa ngembalelwano ethi “Ndiyahamba apha” uyakhathazeka ngokuva ezo ndaba zibuhlungu noxa ukonwabela ukuba esithi uyahamba kulondlu.

Indoda ebizihambela ngendlela nezichaze kwiVukani ngelokuba inguPhila Mooi, income yatyibela ootishalakazi nababe hamba neliqela. 

“Intle lento ndiyibona apha namhlanje. Kuhle xa abantwana befundile ukuba banamalungelo futhi kum eyona nto intle ngamandla nguxhelo wotitshala ukufundisa abanatwana.

Ukuba ujongile nalapha babaqokelele ngendlea apho encomekayo. Ingaske baqhubeke ngomsebenzi omhle oluhlobo,” uthethe watsho. 

Ukanti iYabongo ithe iyafumaneka kwiindawo ezifana neCrossroads, Langa, Khayelitsha, nakwezinye indawo.