Aqhwatyelwe izandla amapolisa aseNyanga ngokubamba umsolwa kunye nabahlobo bakhe abatyholwa ngokudlwengula.
Lo msolwa nogama lakhe laziwa yiVukani kutyholwa ngelithi watyisa umama womntwana wakhe iziyobisi waze wamdlwengula neetshomi zakhe. Esi senzo simasikizi besishicilelwe kwivideo laze lagcwala kumakhasi onxibelwano uFacebook.
Lonto ithe yavusa umnyele kubantu abaninzi nabasigxekileyo esisenzo sibi ngoluhlobo.
Le ndoda nekungokunje isele inkolonkoloza ngaphaya kwezitixo emjiva noogxa bayo kuthiwa ngumkhwa wayo lo. Abahlali abathathe neVukani nabanganekubizwa ngamagama kuba kukhuselwa iimpilo zabo bathe, asikokuqala esenza umkhwa ofana nalo.
Kwiveki esisuka kuyo le ndoda ibigcwele kumakhasi onxibelelwano uFacebook nalapho abantu bebesobelana ngayo, besithi mayibonwe lihlabathi. Kutyholwa ngelithi ibingaboni ngasonye nomama womntwana wayo. Kuthiwa kulapho ke iye yamtyisa isiyobisi, yakugqiba yamema oogxa bayo bazenzela.
Ukuvakala kweendaba zokubanjwa kwababafo, uluntu lwaseCrossroads luye lwahlokoma. Ezindaba nezithe zaziswa kubo ngumphathi sitishi samapolisa aseNyanga uBrigadiya Vuyisile Ncatha ngoLwesihlanu odlulileyo.
Lo kaNcatha ubehamba nemaqela ohlukeneyo nabekhikelwa yi Ilitha Labantu kwiphulo lokulwa nobundlobongela emkhaya.
UBrigadiya Ncatha neqela lakhe bafike bake bema kwikliniki yaseCrossroads nalapho athe wachaza ezindaba zokubanjwa kwababasolwa.
“Sihamba sikhuthaza ukuba abantu mabeze ngaphambili futhi bathethe ngempatho embi abayifumana kubalingani babo. Lomfo ebegcwele kumakhasii onxibelelwano ngokudlwengula umama wontwana wakhe edibene nootshomi bakhe simbambili,” utshilo kwahlokoma yonke indawo abantu beqhwaba izandla.
Kodwa ukhwele ezehlela kubantu baseCrossroads ngokungawachazi amanyala enzeka kulendawo. Uthe kukho umama omdala nobethengisa ngomzukulwane wakhe kubantu bokufika, naleyo bayifumene wabanjwa. Wongeze ngelithi nomfana obephethe intokazi yakhe kakubi kungoku nje isemva kwezitixo. Uthe zininzi iziganeka ezenzekayo kodwa abantu bavale imilomo.
Omnye wabahlali, ukungqinile ukuthula kwabantu balendawo kodwa esithi abantu bathuliswa kukungathembi amapolisa.
“Zamnandi iindaba zokubanjwa kwalomfana neetshomi zakhe. Kunini sadlwengulwa kule ndawo. Akulula ukuthetha kuba asiwathembi lamapolisa. Kwawona aphinde axelele abanqevu ukuba ngubani owaxelileyo. Kodwa liyinene elokuba siyaphela kukudwlengulwa apha,” utshilo.
Uthe unethemba lokuba umthetho uzakwenza umzekelo ngaba batyholwa. “Sawuthi zesibenethembe emthweni wethu sibone kusenziwa umzekelo ngaba. Ukuba umthetho ubagwebe ngendlela kungona siyakuqale sithembe ukuba ikho into eyinzwayo ngathi,” utshilo.
Lomkhankaso ubuzinyanisswe nazinceku nemibutho yasekuhlaleni kunye neNyanga Policing Forum.