Bamaxhaphetshu belungiselela ulwaluko

Ingcibi ephumizandla uSikelela Zokufa.

Njengokuba ixesha lolwaluko lisondele, icandelo lenkcubeko nemidlalo ephondweni likhuthaza abazali,iingcibi namakhankatha ukuba kuqinisekiswe ngokhuseleko lamakhwenkwe ngelithuba.

Othethela elisebe, uTania Colyn, uthi besisirhulemente seliphondo benze kangoko ukuqinisekisa ukuba akukho sikhwa silima.

“Ukhuseleko lwabakhwetha yinto ebaluleke kakhulu kuthi.

Isebe lisebenzisana na maqonga oluntu liye labamba iintlanganiso nalapho bekufundiswana ngokhuseleko.

“Sikhuthaza abazali namakhankatha ukuba bacacisele lamakhwenkwe ngokulindelekileyo kuwo.

“Amakhwenkwe kufanele aye kuhlolwa ngoogqirha kusenzinyanga ezimbini phambi kokuba oluke ukuqinisekisa ukuba awanazigulo ezingathi ziwavelele sele esentabeni.

Emva koko anikwa isatifiketi ekumele asigqithisele engcibini nakwabo bangamalungu eforum yolwaluko,” utshilo oka Colyn.

Uqukumbele ngelithi kubaluleke gqitha ukuba abazali abanabantwana abazakoluka namakhankatha ukuba bafakane imilomo nalamakhwenkwe besebenzisana neqonga lolwaluko lwasekuhlaleni.

Omele iingcibi phantsi kombutho iSomagwaza Institute, uSikelela Zokufa, uvakalise ukuba iiforum zolwaluko zingxangile zilungele ukwenza umsebenzi wazo.

Umemelele abazali ukuba bafake iingxelo ezizizo ngempilo yabantwana babo kwaye bathethe inyaniso kuphela.

Kunyaka ophelileyo eliphondo lifumene isihelegu sokubhujelwa ngabakhwetha ababini, ntoleyo athi uZokufa akumele iphinde yenzeke.

“Siqeqeshe malunga neengcibi ezing amashumi amathathu kwakunye namakhankatha angaphezu kwamashumi asithoba ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela,” utshilo.

“Uqeqesho belukumgangatho ophezulu kuba bekulolwana ingqondo kuvuselelwa ulwazi olu khoyo phakathi kwethu, besingaqeqeshi ngcibi namakhankatha amatsha koko besihlaziya ulwazi lwabo kudala bephethe lomsebenzi,’ uhambisa atsho oka Zokufa.

Usichazele ukuba ulwaluko lwasebusika luhambae kakuhle kakkhulu kuba khange kubekho zingozi nakugula kwamkhwetha.

“Besiphose iliso elibukhali kakhulu,bekubakho ithuba lokuba ugqirha apheleke amakhankatha xa kukho isidingo.” utshilo.

“Kubaluleke gqitha ukuba iingcibi zazi iinto ezifana nokuba mhlawumbi unyana wakho uyaxhuzula okanye unengxaki yokusebenzisa iziyobisi,” uZokufa ugxininisile.

“Olo lwazi luyakusinceda kakhulu ekubeni sifumane uncedo olukhawulezileyo xa um khwetha ethe wafumana ubunzima entabeni,” uqukumbele ngelitshoyo.

Ongusihlalo wombuthi Imbo Yolwaluko, uMnumzana Madoda Mabuto uthi bafunde okuninzi kumatyeli angaphambili.

“Sizimisele ukuphucula ukuze ‘ubungcwele besiko’ bande yaye abakhwetha babuye entabeni bephile qete,”utshilo.