Umbutho wabahlali iSouth African National Civic Organisation(Sanco), neCommunity Policing Forum kunye namapolisa aseNyanga abongoza abaqhubi beemoto nabasebenzisa imigwaqo iBorcherds Quarry neKlipfontein bahlale bethe qwa ngamaxesha onke.
NgoMvulo esiphuma kuye lamaqela mabini kuquka namavolontiya ancendisa ekukhuseleni abantu kwezindlela, akhuphe amaxwebhu alumkisa abaqhubi ngokuqhekwezwa kweemoto nokuxhwila kwezinto ezisemotweni.
Ikona yalemigaqo mibini yaziwa kwakhulu ngezigigaba zokhuthuzo, ukuxhwila kweemoto nezipaji, nokuqhekezwa kweemoto.
Lekona ikwadume kakhulu ngokudutyulwa kubulawe abo babuya emisebenzini maxa bekhuthuzwa.
NgoMvulo amapolisa namahlakani awo bathe bafuna ukuba lenyanga ichasene nokuhlukunyezwa kwabantwana nomama bayivale ngokulumkisa abaqhubi ingakumbi oomama.
Bathe oomama bangamaxhoma kuba bayathanda ukuqhuba bevule ifestile, bethetha kwimfonomfono eziphathwayo, bekwabeke izinto phezu kwezitulo zemoto. Balumkise ngelithi abantu mabahlukane nalo mikhuba okanye babengamaxhoma okhuthuzo.
Ukanti kulunyukiswe nangeqela labantwana abadlala kulakona kusithiwa kusetyenziswa bona ngoonqevu. Eliqela labantwana lidla ngokudlala ibhola lakugqiba lingene endleleni lakubona iimoto. Kulunyukiswe ngelithi ababantwana bayingozi ngako ke kufuneka balunyukelwe.
Unobhala weCPF uDumnisani Qewbe uthe; “Sigqibe ekubeni masime ngenyawo, silumkise abantu bakuthi ingakumbi oomama. Bangawona maxhoba ohlaselo kuba baqhuba bethetha kwiimfonomfono zikanokutsho babuye bangakhathali ngokube ingxowa zabo ezitulweni.Lonto ke ithi ibize izkremlenqa nezihange. Amaxesha amaninzi sifumana izikhalazo ngale kona. Ayipheli iveki kungakhuthuzwanga okanke kungaqhekezwanga imoto nokuba zintlanu. Asinto entle ke leyo kuthi kuba silwa ulwaphulomthetho,” uxelele iVukani.
Uwanyhashile kakhulu amanina ngokungakhathali xa eqhuba. Uthe kufuneka bohlukana nalomkhwa. “Lonto ngabona bantu bangamaxhoba ayo yonke lento siyishumayelayo. Oodade noomama bethu abakhathali kwaye ke lonto iyasikhathazi,” utshilo.
Ulumkise nangelithi abaqhubi zimoto mabohlukane nokumisa ecaleni kweezandlela zimbini kuba azipholanga. Ukanti nosihlalo weSanco uBuyisile Makhasi uzeke mzekweni esithi abantu mabavuke emaqandeni. Uthe kwakukudala bemlukisa abantu ngeziganeko zale ndawo kodwa kuskho abantu abenza izinto eziphume ecaleni. “Njengenye intombi ibidlula apha ithetha kwimfonomfono, ibeke neengxwa zayo phezu kwezitulo. Abantu babohlukane nokungathi bayaqhayisa. Kufuneka bayazi ukuba bazibizela unomnganga kwezintwana. Siyabacela bamamele. Iyingozi lendawo futhi xa kusitshiwo akudlalwa,” ulumkise ngelitshoyo.
Othethele amapolisa ukonstabhile Marelda Abrahams nokwicandelo lohlukunyezwa koomama kwisitishi saseNyanga ubungqinile ubungozi bezandlela. Naye ugxininise kodade abaqhuba phaya esithi mabalumke. “Mabathi qwa xa beqhuba, bohlukane neemfonomfono beqhuba. Nalento yokubenga iingxowa eziphathwayo phezu kwezitulo zemoto inobungozi kakhulu. Siyabacela sibabongoza ukuba behle kulomkhuba. Umnqweno wethu kukukhusela wonke ubani ngelixesha lonyaka,” utshilo.
Lamqela athe azakuthi gqolo ukulwa nolwaphulomthetho kule ndawo. Athe afuna ukwenza isilumkiso kube kathathu nakane evekini.