Kuthe xibilili kusapho lwakwa Mvinjelwa emva kokuba ijaji yenkundla ephakamileyo iyalele ukuba banikwe ilungelo lokungcwaba intombi yabo kunye nabazukulwana ababini.
Olusapho belungasalali buhlayo sukela oko uPumla Mvinjelwa-Ntombela neentombi zakhe ezimbini, uNonhlanhla no Bajabulile bathi bafunyanwa bedutyulwe ekhayeni labo.
Usapho luhlisene lusonyusana nosapho luka Sithembiso Ntombela obengumyeni kaPumla notata wabantwana ekukwarhanelwa ukuba nguye owababulalayo phambi kokuzidubula.
Nowakhe umzimba wafunywana ngaxeshanye kulondlu yayibubutyadidi ligazi.
Ingxaki isukele ekubulaweni kwesisithathu ngumyeni osele engcwatyiwe lusapho lwakhe. Ukusuka ngomhla we 27 kweyo Msintsi abakwa Mvinjelwa abazange bakwazi ukuya kubona imizimba bevalelwe yinkundla ngenxa yesithintelo esafakwa ngabasebukhweni.
Emveni kwesosehlo usapho lwakwaMvinjelwa laqhawula uzakuzelwano nabakwa Ntombela kuba lusithi kucacile intombi yabo ibingasafuneki ndawo kwelikhaya.
Lamakhaya mabini ajamelene enkundleni yamatyala kubangwa lemizimba. Kude kwaqengqeleka iiveki zantathu kungekhonto icacayo. Kodwa ngo Lwesine weveki esisuka kuyo, inkundla igwebele kwicala lakwa Mvinjelwa ibanika ilungelo lokungcwaba.
Ezondaba zamkelwe ngezandla ezishushu lelikhaya nelithi belingaphazamanga ukufuna imizimba yabangasekhoyo.
Othethela elikhaya uNondumiso Mvinjelwa nongudade kuPumla uthe bebengenakwazi ukuthula emveni kokuba udade wabo ebulawe ngokungenalusini.
Uthe nangona ngokwesiko nesithethe sakwaNtu bekufanele olusapho lungcwatywe ekwendeni kodwa bafumanise ukungakhathali kwabokulomyeni.
“Okwangoku kuthe qwenge. Esisigwebo sisinike umtyhi wokwazi ukuba siyaphi nangoku. Kodwa ukuba ujonga indlela esiyihambileyo, isisebenze kakhulu emoyeni. Kodwa sibulela nje ukuba ifikelele esiphelweni,” utshilo uNondumiso.
Ukuya ezinkundleni bebesoloko bekhatshwa ligquba labantu ukubanika inkxaso. Ubulele lenginginya kunye nabo bebesoloko beshiya imiyalezo yovelwano kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook nothwitha esithi umsebenzi abawenzileyo mkhulu kakhulu.
Usapho lakwa Mvinjelwa luyaphuma namhlanje (Lwesine) lusiya kungcwaba eWhittlesea kwilali yaseKolomana.