Boyikisa ngukuvala ikhaya labantu abadala abahlali baseGugulethu ukuba akulungiswa indlela abaphetheke ngayo abo bahlala kulo.
Iqela labahlali livuke umnyele ngezityholo zempathombi kubantu abadala kunye nabasebenzi kwikhaya ladala iKhaya Loxolo LaseGugulethu.
Ababahlali baqhankqalaze phambi kwelikhaya ukususeka kwiveki ephelileyo ngoLwesibini nabaphantsi kweGugulethu Progressive Development Forum boyiksa ngelithi bazakulivala elikhaya ukuba umphathi akasuswa esihlalweni, abantu abadala abatyiswa ukutya okunomsotyo, abadala abathengelwa izikhuseli zentsholongwane ikhorona nokuba amagumbi abo badala bahlala khona akafakwa izishushubezi kwezingqele.
Inkokheli yeqala uLee KhabelebaseGugulethu ithe iingxelo abazifumanayo ngelikhaya linyanzelisa ukuba baphakame. Uthe akukho nto intle khwaphela ukususela kudala kodwa xa kungoku bathi kwanele.
Bakwatyholo abo bakhokeleyo kwelikhaya ukungazenzi izigqibo zokuba kuzakufundiswa umsebenzi abahlala baseGugulethu ukuze baxhamle nabo kwelikhaya.
“Sifuna impatho entle kubazali bethu abahlala apha. Enye into esiyifumeneyo yimpathombi kubasebenzi. Izixhobo zokusebenza azikho kodwa kufuneka banikise ngeenkonzo ezintle. Sifumanise ukuba abantu abadala babolekisa ngecephe ukuze batye. Lonto yenze abasebenzi babetha kubo ezipokothweni ukuthenga amacephe,” utshilo.
Ukwatyhole abo baphethe kwelikhaya ngokulawula ngeqgudo. “Abasebenzi bayagxothwa bengakanga bahmabe yonke indlela efanekileyo eyaziwayo.
Akukho nokuba bolathelwe umnwe, bakhonjwa phandle zisuka nje kungaziwa nokuba izityholo abazibekwayo ziyinyani na. Asizukuyimela into yokugxagxanyiswa kwabantu bethu,” uchazele iVukani.
Esoleka umsundulo omnye umhlali uAubrey Matshabelane akukho nzame bangazenzanga ukufuna ukubonisana nabaphathi beli khaya kodwa batsho phantsi kwaqhuma uthuli.
Uthe bazamile uukwenza uthotho lwembalelwano kodwa baqaphele ukuba bathathwa nje okwabantu abangakhathelelwanga.
“Emveni kwezityholo ezininzi ezinziweyo ngelikhaya nathi siszamile ukuziphandela. Kwizinto esithe sazifumana zokuba abantu bayabhubha apha, abasebenzi baphethwe okwezinja. Sizamile ke ukubhalale abaphathi kuba sifuna ukuhlala nabo phantsi sibonisane. Kodwa ezo nzame ziwe phansti.
“Yiyo lento sibone kuyimfuneko ukuba senze lemigushuzo. Asizukuhamba apha de umphathi walapha abeke phantsi,” woyikise ngelitshoyo.
NgoMvulo esisuka kuwo ababahlali bebeziculela phambi kwamasango elikhaya bengafuni kwamntu ungenayo. Amapolisa ebemini kude kufuphi ebeke iliso. Izityholo zokuphathwa kakubi kwabadala zizona beziphambili.
Omnye wabahlali uFuneka Mbuyazane uthe kubuhlungu ukubona abantu abadala behlanjwa ngelaphu elinye, bekwabolekisana ngamacephe kodwa zikhona iimali ezingenayo kwelikhaya.
Naye ubethe ngenqindi phantsi esithi abaphathi balapha mabapakishe, baphume baphele xa besohlulakala ngomsebenzi wokuphatha abantu abadala.
Ongumphathi kweli khaya uNandi Dlamini uxelele iVukani ukuba akanalo nelincinci ilungulelo lokuphendula kwizityholo zabahlali kubantu koonondaba. Uthe kungekudala oonondaba bazakubizwa nalapho kuzakubakho amalungu ebhodi zakuthi aphendule imibuzo.
“Asifuni kukhupha impendulo manqaphunqaphu. Sizakunimema ukuze wonke umntu azivele kwibhodi,” utshilo.