Balumkise ngelithi kuseza kunuka kungabolanga abahlali base-Ilitha Park, eKhayelitsha, emveni koqhankqalazo ebebenalo kulendawo kwiveki ephelileyo.
Ababahlali nabebelugcwabevu ngumsindo bathi bazakuthi gqolo ukuqhankqalaza de iimfuno zabo zizalisekiswe ngumasipala.
Oluqhankqalazo lusathe xha emveni kwezithembiso zikamasipala zokubuyela kubo neempendulo.
Kodwa ke abaphendulwanga kuba uluhlu oluqulathe izikhalazo khange lufike ngethuba kwi-ofisi kasodolophu wesixeko sase Kapa.
Abahlali kwintlanganiso yangoLwesibini esisuka kuye bagqibe ekubeni bake bathi xha de beve ukuba usodolophu uzakuba beka phi.
ILitha Park yindawo eyaziwa njengendawo yeengcungcu nezicwinana.
Kodwa ngalomhla woqhankqankqalazo kuphele tu ubungcungcu kwavela uqobo lwabantu.
Kuthe kuvukwa ngentseni yango Lwesithathu kwabesele kunuka umsi, kuqhuma amatye, kunyhukunyhuku kungahambeki ezitalatweni.
Uninzi lwabantu abaninzi luve kunuka umswane ukuba kuxheliwe. Abanye bazithwale ezisicabane ukuleqa kwizithuthi, befuna ukungavaleleki ukuze bakwazi ukuphangela.
Abahlali balendawo bathi kukho impazamo yokubonwa ngokungathi bafanele ukubhatala amawakawaka kwizinto zabo kanti nabo bangabantu. Bathi lamawaka afunwa ngumasipala kubo ayingomdlalo kukufa kubo nabantwana babo.
Imbambano isuka kumba wamanzi nabathi abahlali abiza ngaphaya kokuqonda.
Bakhala ngomasipala obanyusela intlawulo yamanzi nokuwavala kananjalo engabonisananga nabo. Bakwasola indlela yokubalwa kwamatyala besithi ayingqamani nemali ekumele bayibhatale.
Omnye weenkokheli zokuhlal uBhishopi Derick Mtsolo uthe basamile ngokuqhankqalaza de bafumane impendulo esuka kusodolophu. Uthe abazukungxama ukuthatha isigqibo sokuba makuthiweni de impendulo ibuye. Uthe kwintlanganiso ebebenayo nabahlali besisikhokelo babonisene ukuba makuqale kuthethwe nomasipala.
Kodwa uthe ukuba izinto azihambi ngendlela bazakunyanzeleka belwile.
“Iyakubambi into esizakuyenza ke ngoku. Kodwa sizakuthi chu ukubathethisa. Iofisi sodolophi ithembise ukuphendula kwakamsinya. Kodwa ngoLwesihlanu (Kwindla 1) sizakuba siyazi yonke into,” utshilo.
Oluqhankqalazo belungaqali. Ngaphambili abahlali baphuma ngobuninzi beyokhalaza kwiiofisi zikamasipala nokwase Ilitha Park, kwaStocks.
Kwangalomhla abahlali boyikisa ngelithi bazakuyenza ingalawuleki lendawo xa umasipala engaphenduli ngendlela abayilindeleyo.
Kwezinye zezinto ababefuna zenzeke kukucinywa kwamatyala amanzi, kuqalwe kabutsha, ukungabhatali kwabantu abadala nokulungiswa kwemitshini ebala amanzi.
Enye inkokheli uZukile Simane woyikise ngelithi abazukubuya ngamva kwiimfuno zabo. Uthe ibhola isezandleni zikamasipala.
Elitshantliziyo lithe lisayekile ukunokalisa kuba umasipala ucele ukuba ke kudityanwe.
“Silindile ukuba umasipala uzakuthina na. Kodwa sifuna ukuyicacisa ukuba asibuyi ngamva kwiimfuno zethu. Futhi sifuna kucace ukuba asingeke sikwazi ukubhatala izizumbulu zemali engaka. Simile kwelithi wonke amatyala makaqale ngobutsha,” utshilo.
IVukani izamile ukufumana icandelo lesiXeko seKapa kodwa isiXeko asikangake siphendule.