Bafundiswe ngomthetho eRamaphosa

Ibingu qhu saa kwindawo yogobityholo iRamaphosa, amapolisa nabakwalizwi nemibutho elwelwa amalungelo amanina nabantwana behlasela.

Emveni kweziganeko zobundlobongela, ukubulwa koomama nabantwana nokuxhatshazwa ngokwesondo kwamantombazana.

Amapolisa aseNyanga nemibutho yamatshantliziyo alwela amalungelo abantu neminye imibutho yasekuhlaleni asebenzisana nawo agxalathelene ngobunzi kwindawo yoogobityholo iRamaphosa ngoLwesihlanu esisuka kuye eyokuthi kwanele!

Abakwantsasana ebequle aligangatha ngemfundiso kunye namaphetshana abongoza amadoda ukuba ahloniphe kwaye aphathe amanina ngembeko, bathi bhazalala kulendawo edume kakubi ngobundlobongela.

Ibenguqhu saa, kungenwa isitrato nesitrato nakulo mizi ebivulekiyo kunikiswa ngeengcebiso neemfundiso.

Amapolisa athi ingxelo athi azifumana kule ndawo nezenziwa ikakhulu ngamadoda zingaphaya kokuqonda.

Athe akukho mini idlula kungekho sigenaeko esibambisa amazinyo. Ayichaze lendawo njengoyona ike yabalasela ekuhlukunyuzweni koomama nabantwana. Lonto yenza athatha isigqibo sokuhlasela lendawo ukuza kuxhobisa amanina, abantwana kunye notata babagobityholo.

Iimbacu zaseRamaphosa yenye yeendawo ezininzi zeKapa apho abahlali baye bazithathela umhlaba ngenkani.

Njengayo nayiphi indawo entsha, ubundlobongela buye bondele.

Elinyathelo liye lamkelwa ngabaninzi kodwa likhona iqela ebelichasile.

Umama obezidlulela ngendlela uNosithembiso Maake uthe koyokuthusa ukubona udederhu lwabantu lingena liphuma apho.

“Kaloku ubona abantu abangaka, sewucinga ngokufa. Kuyafiwa apha. Xa bezokusifundisa, masibabulele. Intle lento yenziwayo inga ibinokuqhubekeka yonke imihla. Sibuthwele ubunzima kwiindawo zethu,” utshilo.

Kodwa iqaqobana lamadoda nebelizihlele kwikona yesitrato lithe amadoda enziwa izigculelo nje kuba nawo angamaxhoba okuxhatshazwa. Kodwa athe amapolisa maqhube neemfundiso zawo.

Isithethi sama polisa aseNyanga uKapteyini Ntomboxolo Sitshitshi oku kuyinkxalenye yezinto ebebecebe ukuzenza kulenyanga yomama.

Uthe unobangela kukufuna ukufundisa uluntu ngamalungelo amanina.

“Amanina nabantwana ngabona bachaphazelekayo ebundlongeleni obuqhubekayo apha ekuhlaleni. Sikwiphulo lokuthetha nabathengisa utywala nabo basela ngendlela apha engathethekiyo. “

“Asinakuyiphika into yokuba utywala budlala indima enkulu kwizinto ezimbi esithi sihlangabezane nazo. “IRamaphosa yenye yeendawo apho ubundlobongela bandileyo. “

Yenye yeendawo apho kuthathwa iimoto zabantu ngenkani. Sizama ke ukuxhobisa abantu nokuba lumkisa,” uchaze watsho.

Ubulele intsebenziswano kumaqela abasebenezisene nawo bengamapolisa esithi makwande apho athatha khona.