Bangene ngevruvayi bengathandisi mntu abalimi nabakhuthazi bempilo entle nende eKhayelitsha ngoMgqibelo esisuka kuwo phaya kwisikolo samabanga aphantsi i-Isikhokelo besithi phantsi ngokutya okubulala abantu.
Ibesisiphithiphithi kukhala umculo, kukhwazwa abantu ukuba bangene bazokuzibonela imarike yokuqala ebizwa Impilo Yabantu Market nalapho osomashishini abamnyama nabakhulayo bebonise ngezinto zempilo kuquka neempahla ezenziwa elokishini ukanti nabantu bezithengele imifuno neempahla abazithandayo.
Lo mboniso wemarike noqhayise ngokubonisa ngemveliso yaselokishini kuphela uqhube phantse imini yonke.
Lo mboniso awuphelelanga ukwamkelwa ngabantu baseKhayelitsha kuphela koko iintlanga ngentlanga zidibene eSite C zizokuzibonela lomangaliso wabantu abatsha nabazenzela izinto zabo.
Umququzeleli walemarike nomsunguli weIkhaya Gardens nezinze kwesisikolo uXolani Bangani ubongeze abantu ukuba bahoyane nempilo yabo ukuze baphile iminyaka emininzi. Uthe kulemihla abantu abaninzi abafuni kuzenzela izinto kodwa banemihlaba nalapho bengatyala imifuno nengagalelwanga zikhulisi.
Uthe unobangela wokuba nomboniso wemarike ekumila kunje kukukhuthaza abantu ukuba batyale imifuno neziqhamo.
Echazela iVukani ngombono wokwenza lomboniso uMnu Bangani uthethe wathi; “Impilo Yabantu Market, yenye yemarike zokuqala ukwenzeka elokishini njengoko iimarike zivamise ukwenzeka kwindawo zabantu abaphucukileyo.
Injongo yalemarilke ayikokuzisa ulwazi nenkcubeko ngokutya kuphela, ingokuzisa namathuba okuphucula oosomashishini abasakhasayo. Kukuzisa unxibelelwano pha kathi kwamalungu asekuhlaleni kunye nabantu abasuka kwiindawo ngendawo.
Lomsitho uqulathe ingqokelela yezinto ezizisa uphuhliso ukusukela kwezezimali, ukutya, inkcubeko, iimibhiyozo kunye nokwakha ubuhlobo phakathi koosomashishini nabantu jikelele,” uchaze watsho.
Uthe baceba ukuqhuba qho ngenyanga lomsitho bemema oosomashishini abathengisa ukutya (okuphekiweyo nokungekaphekwa) iimpahla, ubucwebecwebe kunye nenkcubeko. Uthe kulo umsitho bekumenywe oosomashishini abasuka kwiingingqingegingqi zalapha eKapa ukuba bazokuthengisa.
Umhlali waseSite C, uNolwazi Thuba, nobesizidlulela ukhuthaze abahlali ukuba bathi gqolo ukuya kufuna uncedo lokulima imifuno kwi Ikhaya Gardens.
Uthe utsalwe yilegadi yemifuno neqhame kakuhle kakhulu. UNkosikazi Thuba uthe ebomini bakhe ebeqala ukudibana nomboniso okumila kunje.
Uncome abaququzeleli esithi kufuneka baqhubeke ukukhuza impilo entle kubantu abantsundu. “Amaxesha amaninzi sithenga kwimarike ezibizayo ukutya nemifuno kodwa sinethuba lokuzenzela.
“Lombono ndiwubona apha mhle kakhulu. Ndisitsho nje, nam andinayo igadi kodwa ndizakufumana iingcebiso apha ndikwazi ukuzenzela,” utshilo ezithengele imifuno.
Ukanti iIkhaya Gradens ifundisa abantwana abaselula ukulima. Oluninzi lwabantwana bakwangabafundi kwesisikolo samabanga aphantsi. Ngalomhla nabo bebekhona ukumana bechazela abantu ngezityalo zabo.