Ithe ifika iPasika kwabe abantu abadala sele beyilinde ngomkhulu umdla kuba belindele ukuba yinkxalenye yabo bebezayokudumisa.
Kaloku abadala bekuzakubanzima kubo ukuya kuzimasa lomsithokazi wonwatyelwa mihla le nosisikhumbuzo sokuxhonywa emnqamlezweni konyana kaThixo nonguYesu Krestu.
“Enkosi kuceba omele umbutho wepolitiki oyi Democratic Alliance apha eNyanga nothe wabona ukuba makanikeze kwaba badala izitulo zokuhamba hamba phambi kwe Pasika.
Kuzakubalula ukuhamba hamba kubantu abadala baseNyanga naseGugulethu emveni kukuthiwa jize ngezithulo zokuhamba nguceba uXola Nofemele.
ULwesine esisuka kuwo ubeyimpumelelo xa loceba enikisa ngezizitulo kubantu abadala abasibhozo.
UMnumzan’uNofemele uthe ekuhambahambeni uye wadibana nabantu abakhala ngokuhlupheka kuba bengakwazi ukuzihambele.
Kwabantu abanye babantu zange babenazo ezizitulo ngexesha abanye babenazo koko ziphethelwe lixesha.
Uceba uthe ukunikisa ngalamavili kukubuyisa isidima sabantu abadala.
“Ukhubazeka kwabo akuthethi ukuba abanakukwazi ukuzenzela nto. Kufuneka bahamba hambe ukuze imizimba yoluleke. Ndifuna bakwazi ukuzenzela izinto ngaphandle kokusokololisa abantu. Abantwana nabazukulwane bayathanda ukudikwa ngabantu abadala nabakhubazekileyo. Kaloku suke bafune ukuyozonwabela nabo,” uchaze watsho.
Ebuzwa ngokuba asiyondlela nje yokukhankasa, uMnu Nofemele uthe asiyonto yokuqala eyenza le kwaye uzakuthi gqolo ukuphuhlisa abantu abadala kunye nabantwana.
“Kudala ndayenza lento yokunceda uluntu. Bendiphelisa imilo yolutsha. Ewe lixesha lokukhankasa kodwa mna ndenza into ekudala ndiqhubekeka nayo kwaye andizi kuma,” utshilo.
Mangaliso Duncan (64) uthe uzakukwazi ukuya kuzicholela ubumpahlanyana nezinto ezityiwayo phaya kudederhu lwevekile lwaseGugulethu.
Uthi kudala efuna uncedo kodwa engalufumani.
“Komnye umntu oku kungakhangeleka kukuncinci kanti kuthetha lukhulu kuthi. Ukusuka namhlanje ndizakuzihambela ukuyathenga zinto. Siyabulela ngento athe wayenza lomntwana noogxa bakhe. Sithi inga kunganda apho athathe khona,” utshilo.
Ukanti ikhwahlakazi nekudala nalo lifuna esisitulo uLusi Mbutho (86) uthi iKrimesi ifike ngethuba elingaphambilana kulonyaka.
“Izinto zizakuba lula ngoku. Ndizakuzenzela izinto ezininzi nebesele kunzima ukufikelela kuzo. Ndigcobile kakhulu kwaye ndivuyele nabanye abantu,” utshilo.