Bafihle iintloko kwiholo yoluntu emva kwesichotho

Abahalali bangene ngendlovu kwiholo yoluntu eLowa bebaleka amanzi ezindlini zabo.

Bangene ngenkani kwiholo yoluntu yaseLowa abahlali baseMarikana. Ababahlali bathi badudulwe zizandyondyo zemvula nezidamise imizi yabo kwanzima nokuhlala.

Becula, besombela bekwa danisa kweliholo ngoMgqibelo ophelileyo, bafunge bamunca iintupha besithi akukho apho bayakhona de isiXeko seKapa sibanike umhlaba wokunyusa izindlu zabo.

Minyaka le, abahlali babangamaxhoba emvula zaseKapa. Kulo unyaka bathi bathathe isigqibo sokuba balwe nomasipala. Bafunge ngelithi abazukuphuma kweliholo de kuba kusonjuluwa imiba yabo.

Uceba walendawo uMboniswa Chitha uthe wothuswe ngumnxeba omxelela ukuba abantu bangene ngetshova eholweni

“Ewe yinyani bangene ngetshoza. Abakangenge babhungise. Bathi babalekiswa ngamanzi ezindlini.

Liyinyani ke elo kuba kudala bakhalaza. IsiXeko sasibathembise ngukubanika isanti nezakuphakamisa izindlu zabo kuba siphantsi. Zafika ke kodwa zingelilo elanani lalixeliwe. Kwakufanele bafumene itraka eyinganga 50 kodwa kweza zane kuphela,” uchaze watsho.

Okukungena kwabanatu kungaphazamisa kwizinto zokuhlala ezifana neentlanganisao zoluntu.

Kodwa uceba uthi azikabikho izinto ezizoqhubeka kweli holo.

“Akuzukuphazamiseka nto okwangoku. Kodwa siyafuna abantu bade babuyele emizini yabo kuba kaloku izinto zabo ziyonakala. Nala manzi ayonakalisa kakhulu,” utshilo.

Ukanti inkokheli yabababhlali uMzwanele Jokana ithe izive inodano kuba mahleli amatyeltyeli ngamatyeli neseXeko kuxoxwa lomba wamanzi. Ithe kungcono xa bebulawa yintsholongwane ikhorona kuba bexinenisene kweliholo kunokubulawa ngamanzi.

“Sele sifana nabafileyo kuba kaloku kukufa okuya sikuko.

Asinazzathu sokuyika ikhorona kuba kusithiwa iyabulala kodwa sisebugxwayibeni. Eyona khorona inkulu yileya sikuyo,” uchaze watsho.

Le nkokheli ikwamunce iintupha isipho abazukuphuma kule ndawo. Ubawo uMzwandile Mdutyulwa nongumhlali owaqala neMarikana uthe ingxaki yalandawo yabo ngamanzi ampompoza ngaphantsi.

Uthe angachulumanca xa kunokufumaneka izinto zokukhuph amanzi. Ilixhasile inyathelo lokuhlala ngaenkani kule holo de kufumaneke isisombululo.

Othethela isiXeko kwezokhuseleko uRichard Bosman ukuvumile ukuba banolwazi ngeqela labantu abangene kwiholo yase Lowa. Uthe bamatasatasa kunye noceba wendawo ukulungisa lentlekelo.