Babhiyozele inkcubeko ngomngqungqo

Oomama badlisele ngemixhentso nangempahla yabo yakwaNtu ngexesha bebhiyozela umhla weNkcubeko.

Babhiyozele usuku lwenkcubeko ngomculo, umxhentso kunye nemibongo osomashishini abazizamelayo phantsi kombutho iUnited Khula Informal Traders Association iUkita ngamafutshane.

La malungu alentlanganisela akhuthazwe ukuzithanda nokuzithemba ukuze ushishino lwabo luhambe kakuhle.

NgoLwesithathu weveki ephelileyo la malungu adibenele kwiholo yoluntu ezinze eSite B bezokubhiyozela inkcubeko namasiko abo.

Nangona nje olusuku lwenkcubeko lubanjwa kwinyanga yoMsintsi, lombutho uthe kufanele kube kuyabhiyozwa unyaka wonke.

Bembejembeje benxibe imixhaka nempahla yakwaNtu, baqhayise ngenkcubeko namasiko abo.

Phakathi kwabo bekukho nabo banolwazi oluthe vetshe ngenkcubeko kwanemibutho yokuhlala.

Ethetha phambi nje kokuba kuqale umbhiyozo, usihlalo we- uKita uNkosazana Thozama Gwente ubulele indlela abaziphethe ngayo abantu nabangamalungu wombutho wakhe.

Ubakhuthaze ngemfundo nendlela yokuziphatha ukuze amashishini abo akhule.

Uthe inkcubeko ayimanga ndawonye ngoko ke imfundo ibalulekile.

Uthe ukuba abantu abanandlela yokuziphatha bayakuba bagxotha abathengi.

Le nginginya nebonakalise ukonwaba nagalomhla, ayizbe kanga phantsi.

Ithathe amathuba ukungena eqongeni icula ezakwa Ntu.

IImbongi nazo bezingamanga ukunyonya,zityibela izithethi zikonwabisa uluntu.

Ukanti igqala laseKhayelitsha kwezonyango umama uMaDlamini Skaap nobesisithethi sembeko ukhahlele abaququzeleli belitheko.

Uvakalise uvuyo kukubona uluntu lundawonye, lonwabile, lungenzi nto igwenxa.

Umama uSkaap ukwakhuthaze abaququzeleli ukuba bangatyhafi baqhubele phambili bawenze mkhulu nangakumbi lo mcimbi kunyaka ozayo.

Uthe kubalulekile ukuba abantu bazidle kwaye bazingce ngemvelaphi yabo. Uthe lonto akufunekanga iphelele kubo koko nasebantwaneni.

Lemibhiyozo iphele kamnandi kudekwe itafile kutyiwa nokutyakwesiNtu .