Izigulane zaseKuyasa eKhayelitsha zizakunyanzeleka zihambe imigama emide ukufuna unyango emva kokuqhekezwa kwekliniki yazo kutshanje.
Esisihelegu nesenzeke ngoLwesithathu umhla wesibhozo kule yoMqungu sigxekwe kakhulu ngabaphetheyo.
Le kliniki inceda malunga nama 400 abantu ibuye inyange malunga nama 500 abo bansesifo sephepha nabo banentsholongwane uGawulayo.
Akwaziwa ukuba izakuvulwa nini kwakhona. Lonto ithetha ukuba abo bakhathazwa yimpilo bazakuhamba imigama emide ukuyokufuna uncedo.
Abazakuchaphazeleka kakhulu ngabantu abangathathintweni base Monwabisi Park, eNkanini, eZwelitsha, eHarare naseKuyasa.
Uninzi lwaba bantu ngabantu abangasebenziyo nabaxhomekeke kule kliniki ibifikeleleka kubo. Kodwa ngoku intyori isele nabo.
Egxeka esisihelegu ophethe kwezempilo kwisiXeko seKapa * Zahid Badroodien uthe akakholelwa ukuba umntu obhadlileyo angenza into embi nje ngaleya.
Uthe udandathekile yinto eyenzeke kule kliniki ekwabongoza abantu ukuba bancendisane nabomthetho ukulwa ubundlobongela nobugebenga.
“Kuyothusa kakhulu okwenzeka kule kliniki. Uloyiko lwam lelokuba yonke le meko izakuchaphazela abo bangathathintweni.
“Lonto ithetha ukuthi kuzakufuneka bahambe imigama emide ukufumana uncedo,” uchaze watsho.
Uthe kubiwe ubuchwephechwephe bekhompuyutha nobekungekudala bufakiwe.
Uthe kumoshakele nesakhiwo kuba amasela ebezama ngandlela zonke ungena ngaphakathi.
“Kodwa eyona nto ibuhlungu kakhulu yeyokuba abantwana abancinci kufuneka basiwe eMichael Mapongwana nalapho kuhleli kugcwele. Abo banezifo ezinganyangeki lula abazikufumana ncedo.
“Umthandazo wam ngowokuba abo benze lomhlola bafumaneke, bagityiselwe ngaphaya kwezitixo zentilongo,” utshilo.
Ubongoze abantu abanolwazi baqhakamshelane nabakwantsasane.
Umhlali waseKuyasa uLindeka Nowata naye ukugxekile ukuqhekezwa kwekliniki esithi abantu kufuneka bayazi ukuba yeyabo. Ukwagxeke nesiXeko ngokungakwazi ukukhusela izakhiwo ezifana neekliniki nezikolo.
“Lento izakuchaphazela thina kakhulu. Nalamasela enza obububi abethwa kukungabinalwazi. Kodwa abazali nabo kufanele banyaniseke babachaze abantwana babo.
IsiXeko naso siyazi ukuba ngelixesha lonyaka maninzi amasela kodwa kunzima ukukhusela izakhiwo zethu.
Bebephi onogada xa kuzakude kuqhekezwe kakubi kangaka. Futhi asikokuqala into ekumila kunje isenzeka kule kliniki.
Ndinombono wabantu abagulayo besiya kwezinye iindawo, besebenzisa imali,” utshilo.
UNkosazana Nowata ukwabongoze iinkokheli zaseKhayelitsha zibulwe ngokungenalusini ubundlobongela kwiindawo zabo. Ukwathe kufuneka kubanjiswane ukulwa ubugebenga.