Afunge amunca iintupha amapolisa asePhillipi East esithi azakuzitshayela nyaa iziyobisi nobundlobongela ezikolweni zalendawo.
Iqela lamapolisa equka akamasipala atyelele esinye sezikolo esiphakamileyo ngequbuliso iPhandulwazi ngoLwesine weveki edlulileyo.
La mapolisa nagaleleke engabhungisanga anenjongo zokulwa ubundlobongela nathe bubangelwa kukusetyenziswa kweziyobisi ngabafundi.
Olugqogqo luza emveni kwezikhalo nezijwili zisuka kuluntu malunga nendlela abaziphethe ngayo abafundi.
Amapolisa athi asabele ikhwelo kwabo benza isankxwe sokuphatheka kakubi ngabafundi kuquka nokungamanyelwa kootitshala.
Athe ke eliphulo lijoliswe ekuphuculeni iimeko nokhuseleko ezikolweni lizakuqhuba kwizikolo zonke zalammango waseLower.
Othethela amapolisa uKhapteni Bheki Xulu ukugxekile ukusetyenziswa kweziyobisi nokuphathwa kwezikhali ezikolweni ngabantwana.
Uthe umasitishi wesikhululo samapolisa aseLowa uKholoneli Mzwabantu Jada wenza ngeendlela zonke ukulwa iziyobisi kwizikolo zaseLower.
UKhapteni Xulu uthe injongo yeliphulo kukunceda nokululeka abo abantwana basebenzisa iziyobisi.
Umzali nohlala kude kufuphi nesikolo nocele ukungabizwa ngagama kuba esoyikisela impilo yakhe kubantwana athi batshayela iziyobisi ngasesikolweni, ulincomile eliphulo.
Uthe uninzi lwabantwana abanamaphupha ayatshabalala ziziyobisi.
Uthe yena njengamntu ekudala wahlala ngakwesiskolo uyibonile imihlola.
Uthe abantwana abaninzi bayeke phakathi isikolo ngenxa yeziyobisi.
“Amaxesha amaninzi bama ekoneni bangangeni nokungena esikolweni. Wofika betshayo into engapheliyo. Siyaboyika ke kuba abantwana bethu banemipu kutsha nje. Kunzima nokuvula umlomo,” utshilo.
Omnye umzali uthe umnqweno wakhe ngowokuba amapolisa angaqali into aphinde ayiyeke phakathi.
“Bayaziqala izinto ezishushu bogqiba behle nomcinga. Le nto bayenzayo iyancomeka kodwa ke akunawathemba amapolisa. Ungafumanisa ukuba kwalapha kubo kukho otshomi bezintwana zingamameliyo. Kodwa mandilitsolise elokuba mhle lomsebenzi bawenzayo okwangoku. Inga bangaqhubekeka bangayeki,” utshilo.
Kodwa uKhapteni Xulu uthi beqalile nje, nguwayawaya.