Bafumene inyhweba abafundi besikolo samabanga aphantsi iMasivuke nesizinze ePhilippi ngexesha bebetyelewa ngamagosa endlela asukwa kwisebe lezo thutho.
Amalungu eenkonzo zothutho ezindleleni alahlele bucala iyunifom alibala ngokuhlupha abaqhubi ngeencwadi zokuqhuba, ayakunikisa ngempahla kubantwana abangathathintweni kwesisikolo.
Akonelanga apho kuphela, abantwana bayebafumana nelinye ithuba lokufundiswa ngemithetho nemiqaqo yendlela.
Kwakusasa ngoLwesine weveki ephelileyo abantwana bafumene uhlobo olutsha lwemfundo.
Baye bathathwa bafakwa kwigumbi elilodwa ootitshala abatsha bathabatha indawo. Lamagosa abuye ancumisa abantwana abangathathintweni ngokuthi babanike iimpahla nezihlangu zesikolo.
Othethela amagosa nongumhloli wawo, uNkosinathi Wana, uncome lamagosa ngokuthi abone kufanelekile ukuba athengele abobadingayo impala yesikolo.
Ukwathe amagosa ezendlela ngabantu phambi kokuba abengamagosa ezendlela.
“Xa kukho imiceli mingeni kwindawo zethu kufuneka sifake isandla. Singalamagosa sisenza apha ekuhlaleni ngako ke siyazazi iingxaki zokuhlala. Kwaye nathi singabantu sikwangabo nabazali,” ucacise watsho.
Ezindaba zamkelwe ngezandla zombini yimnqununu yesikolo uNkosikazi uSiphokazi Lobese. Oka Lobese uthe kuyachulumancisa ukubona abantu bomthetho befaka isandla kwabo bangathathintweni.
“Senza umbulelo ongazenzisiyo kubo. Umnqweno esinayo kukuba lembewu bayityala namhlanje ingathwala iziqhamo kwixesha elizayo. Batsho bancuma abantwana bethu. Sithi kwande apho bathathe khona,” uthethe watsho.
Ongumzali wabantwana abathe baxhamla uNkosikazi Boniswa Nani naye uqhwabele izandla lamagosa ngendima athe ayidlala kubantwana babo. Uthe lendyweba ifike ngexesha elihle kakhulu xa umntwana wakhe efuna impahla yesikolo.
“Egameni labazali sithi nangamso. Basincede ngendlela engumangaliso kakhulu. Ndiswele amazwi okubonga,” utshilo.
Ukanti lamagosa athembise ukuncedo rhoqo kwesisikolo xa kukho ingxaki. Naso isikolo singqinile ukuba ibingelotyeli lokuqala lamagosa ezise uncedo kwesisikolo.