Awalali buhlayo amadoda aseNyanga ezamana nesiso mbululo kwingxuba kaxaka yokubulawa, ukudlwengu lwa noku xhatshazwa kwabafazi kulangingqi.
Ukuzama ukulwa nokulungisa lomkhuba umbi kangaka, kuthe kwabizwa indibano yamadoda kuphela ngoLwesihlanu esisuka kuwo kuxoxwa, kufunwa onobangela kwanezisombululo zokunqanda lomkhwa.
Abaququzeleli nabathe babona kuyimfuneko kubekho imbizo ekumila kunje, amapolisa kunye neqoqo elincedisana namapolisa ukulwa ulwaphulo mthetho bathi kwanele.
Bathe ukulungisa izimbo zokubulawa nokudlwengulwa kwabantu basetyhini kufuneka, amadoda aqale alungise indlela acinga nabona ngayo amakhosikazi.
Kubongozwe amadoda athi wona akawungeni lomkhwa ukuba athabathe inxaxheba kwimingcelele neembizo zokulwa lomkhuba.
Emveni kwengxoxo ende ngoLwesihlanu lamadoda nabesuka kwindawo ezinje nge Lusaka, Philippi, Zwelitsha neNyanga, athe kwanele aza atyikitya uxhwebhu lokuzibophelela ekulweni ukuxhatshazwa kwabafazi nathe alunikezela emapoliseni aseNyanga.
Unobhala weqoqo elincedisana namapolisa eNyanga nokwangunyawontle uDumisani Qwebe uthe bafuna iNyanga enezinga eliphantsi lokufa nokuxhatshazwa koomama nabantwana.
“Eyona njongo kukuzama ukukhangela ukuba yintoni unobangela wokuba ootata babulale abantwana nabafazi.
Ikwakuzama ukukhangela izizsombululo. Sifuna ukujonaga ukuba singenza njani ukulwa lomkhuba sisonke.
Bavumile ke ukuthabatha inxaxheba. Bazibekile izizathu eziquka ukungabikho ndlela zokubafundisa indlela zokuphatha abafazi nabantwana. Bakwavumile ukuba ukuba ngutata ongenaxanduva sesinye sezizathu. Siye savumelana ekwenzeni okuthile ngalemeko,” utshilo.
UMfundisi Qwebe uthe Ilizwe linxunguphele zizenzo ezirhabaxa zokuxhatshazwa kwamakhosikazi nabantwana ngezenzo zokudlwengulwa kwaye linxunguphele kukubulawa kwabo ngokungenalusini ngamadoda.
“Imibutho ibikhona phaya enje ngoo LoveLife, Desmond Tutu, eThafeni ithe izakuncedisa ukuqeqesha abantwana.
I-Ethafeni ikwavumilie ukuncedisa ootata bakwazi ukuqeqesha abantwana babo.
Sivumelene ke ukuba lento ayizuphelela esithubeni. Sithi hayi phantsi kwegama lethu.Thina asivumelani nokubethwa, ukuxhatshazwa nokubulawa koomama,” uthethe watsho.
UEugene Raphalane nongomnye wamadoda athe azidina nokwasuka kombutho wamalungelo oluntu i-South African Human Rights Commission uthe ukutshinthsa kwengqondo kufanele kuqale emadodeni.
Uthe ngamadoda ekufanele akhusele amakhosikazi nabantwana. Uthe amadoda ngawona anamandla okuntshintsha indlele ekuphethwe ngayo amakhosikazi nabantwana.
Obemele umasitishi wamapolisa aseNyanga uKoloneli Johannes Nel ulincomile eli phulo esithi ukukhuselwa koomama nabantwana yinto efanele ukwenzeka yonke imihla.
Uthe bengamapolisa abalali buhlayo bezama izisombululo. uKoloneli Nel uthe baqale ngokufundisa abantwana ezikolweni, badibanisa oomama abahlukeneyo ngoku badibanisa amadoda.
“Siyawakhuthaza amadoda ukuba abengumzekelo omhle kubantwana babo namakhosikazi.
Amadoda zintloko zamakhaya kufuneka enze indlela yokukhusela iintsapho zawo kunokuzibulala. Siyalincoma ke eliphulo liqalwe sithi neliqoqo lisincedisayo. Sicinga ukuba sizakusifumana isisombululo nokuba kunini na,” uthethe watsho.
Uthe kunzima nakubo bengamapolisa ukujongana nempathombi nokubulwa koomama yonke imihla. Ugqibezele ngelithi bayakwamkela ukusebenzisana nootata ekulweni lomkhwa.