Ufike wadlula umnyhadala womculo wesiNtu nobuququzelelwa liziko losasazo lwasekuhlaleni eKhayelitsha iZibonele ibambisene neliPhephandaba namanye amaqela.
Lengxikela yomnyhadala nosele uzenzele udumo kweliphondo nakwamanye ushiye abantu bedumbe iintloko. Kulonyaka iMaskandi Festival ibibanjelwe kumabala ezemidlalo eKhayelitsha NgomGqibelo esisuka kuye nalapho amaqela aziwayo womculo kaMaskhandi afane noPhuzekhemisi, Mahubhe, Shushubaby, Ithwasa lekhansela, Ichwane Lebhaca namanye amaqela athe onwabisa abandeli balo mculo.
Amabakhwekhwetha kulomculo ashiye abandeli bengakholelwa, besafuna okuninzi. Kubantu abathe bazimasi bekukho iinkosi, ooceba, osozipolitiko nabathe babamba ngazibini kwesisikhululo sikanomathotholo ngokuphathele abantu baseKhayelitsha umculo wabo. Oluncuthu mazangwa lomculo libashiye abalandeli bemunca iintupha. Kodwa abasemagunyeni bathe lomnyhadala nongowesithathu uyakhula. Bathe abalandeli mabalindele lukhulu kunyaka ozayo.
“Sibamba ngazo zozibini kubantu abathe bayinxalenye nabo bathe baxhasa lengxikela. Kubalulekile ukuba sinike abantu lento bayithandayo. Ngabalandeli bethu aba ngako ke kubalulekile ukuba sihloniphe iimfuno zabo. Siyabancoma kuba beku kwakho into ethi siya kwiholo iMew Way kodwa ngenxa yengxakana asakwazi. Kodwa bakwazile ukuza kwindawo esitshintshele kuyo,” uthethe watsho umphathi nkqubo wesititshi uNtibaleng Shete.
UNkskz Shete uthe umculo yinto apha edibanisa abantu. “Ayikho into ebaluleke njengomculo wesiNtu kuba idibanisa intlabazahlukane. Le yenye yendlela zokudibanisa abalandeli besitishi bazane,” utshilo. Othetha iinkosi uThobile Mtotywa naye uze emzekweni esithi huntshu futhi maz’enethole kubantu baseKhayelitsha nakwisitishi nabo bathe baxhasa ngezimali kulo mnyhadala. Uthe beziinkosi abawuvali umlomo yinto abayibonileyo. “Intle into eyenziwe apha. Siziinkosi siyathemba le yenye yendlela ezakufundisa abantu iimvelaphi yabo. Lo ngumculo wethu nemvelaphi yethu. Siyabulela nalamaqela ngokuvuma ukuzosiculela,” uthethe watsho.
Abaququzelei bathembise ingxikela kunyaka ozayo.